Title
eng Ezababaleli. (IMVO_1885-12-16_i015)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Language
Date
14 December 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-16
Identifier
eng IMVO_1885-12-16_i015
Word Count
eng 288
Print Page
eng IMVO_1885-12-16_p003
Page Spread
eng 3.1
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
IBANGO LOBU CHAMPION. 14 Dec., 1885. MHLELI,—Hlal' uhleli! Ngamanye amaxesha yinto elungileyo ukubhalela emapeneni endaba, kanjalo kuko izinto ezifaneleyo nezingafaneleyo ukuya ema- pepeni endaba, yenye yazo ke le. Kanjalo i'Dyakana' mazenze imisebenze yazo ziyiyeke ukuza kugxobagxoba imidlalo yebola yokombela. Ngesimbo soku- teta kwake, lomntu ubhale lencwadi ndi- yipendulayo yi 'Dyakana' yase Qonce apa, le kanye igxobagxoba umdlalo we- bola yetu kulomzi, yade yacela uxolo eramenteni ngenxa yezigqito zayo malu- nga nalebola. Nam yonditelekelela endinguye ngesimbo sokuteta kwam, kodwa ndingulo inga ingafa ukumzonda kwayo, kanjako ndingowe 'Champion eyona iyi- yo.' I Champion C. C. inye noko ngati zimbini nje. Ngentlanganiso etile kwenziwa i Committee yokukangela incwadi zemali, ingalamadoda, W. N. Seti, E. B. Soga, A Ngcumbe no N. Bovana, andiyi kungena ke kudushe oluninzi olwandulela ukumiswa kwalamadoda nolwalandelayo lonke. Kwelandelayo intlanganiso kubizwe kuwo intshumayelo yawo, aka- yivezanga, abiza ezinye incwadi ze club; kwatiwa aninakuzinikwa, yenzani intshumayelo yenu. Ati wona asinakuyenza intshumayelo yetu singenazo ezinye incwadi; kwatiwa ningeza kuzikangela niyitabate into eniyifunayo kuzo, kodwa aninakuzinikwa; ati wona hai, siyazifuna. Yati ke i Captain andinakukupela abantu abasebelihlelo impahla yombuto, kuba senizitengele impahla yenu nodwa, kanjalo senigagelela impi entsha kuni. Yacitakalake intlanganiso, yashiya le 'Dya- kana' ndiyipendulayo, iyikupa i Captain, 'isenza abapati konyana bayo. Kwayeke kusitiwa yilempi ikokelwe ngu W. N. Seti kuko into ezakuteta, ayikabiko ke lonto nanamhlanje, sisalinde yona ke tina iyeyona Champion yase Qonce. Emva kokukutshwa kwe Captain yilempi, sibone i ' Demandi' ivela einagqweteni, iteta ngemali zokuya e Bini zanyakenye, sati ke kukona izakuvela lengoma yalamadoda mayiyekwe iye pambili. Mhlaimbi ingaba yeyesitandatu lenyanga yabupendulayo i Captain ubuxoki bo Seti, noko alihambi ityala, umhlaumbi usaqipukelene ngati uzakuya umana ukubanjalo nga- kumbi ndikangele. Sikohlwe nali Lawo lentaba elingati, metsho mzindini ibiyinina ? Gwebani mzi asiyiyona ke eyona Champion? Ndim oyakuhlal' ingowako KASIBIZI NDOKUVELA.