Title
eng Ezababaleli. (ingcobo Nobusela) (IMVO_1885-12-16_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng J.H.
Language
Locations Mentioned
eng Lilliefontein
Date
12 November 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-16
Identifier
eng IMVO_1885-12-16_i016
Word Count
eng 399
Print Page
eng IMVO_1885-12-16_p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Lilliefontein, 12 Nov., 1885. NKOSI MHLELI WE MVO, — Kaundifakele lamazwana kwipepa lako ndiyakukunga; - ndifuna ukuke ndenz' amazwana amafutshane malunga nempendulo eyenziwe ngabafo base ' Ngcobo,' ngeqinga lobusela, Ibalwe ngu Mr. 'Thos T. Poswayo.' I. Ngamayilo abantu base ' Ngcobo,' (a) kuba besiti u ' Rulumente ' yimbangi yamasela, kuba olikamela lakudutyulwa, aze abambe umdubuli lowo. Ukuba ke u Rulumente ubengati, hai, andiyikubasayenza lonto, (ngamasihlobo), tina sonke bantsundu besiyakuba njengembovane eziqongqotwe esityeni, ze ashikixe ngonyawo umntu; kuba sibalwa ukuba singamasela sonke 'zintsundu.' (b) Umhambi ohlelweyo engalazi ilizwe ngelefile ukuba uyakuti tu ngasebuhlanti, kutiwe lisela. Acande emhlabeni womlungu ngokufuna umsebenzi, ngelefile. Nditsho beko abenzakele ngolohlobo. Azifani intliziyo zabantu, knko izipandauli ezibanjwe ngumteto ukuba abe omnya- ma usadakasa ezweni, inxenye ide irole isabhokwe. Njengokuba nababantu base Ngcobo besiti Amabhulu kumandla wabo angxamele ukulwa ngenxa yobusela ukuba ubungeko umbuzo wesela ngebefile nabangebanga. (c) Ontsundu ngelengasayifuni into yake yakulahleka, kuba kuyakutiwa ufuna impahla yabelungu, afe. (d) Ngelengayiketi ontsundu impahla yake yakudibana neyomhlope. (e) U Rulumente elikamelanje isela, ufuna ukuze ayive indlela yokwenzakala kwalo; ulindele kwa ukulunga emveni kobusela. II. Ngamayil' odw' e Ngcobo 1 Ati malinqunyulw' indleb' isela, ize liti lakupelelwa zindlebe libe sesiqitini ubom ; belite kuqala lahlala iminyaka emihlanu etolongweni; xa selingumnxunu ibe lishumi. Asinteto angavumelana ngayo amadoda le; kuba okuthwe ngabahambi. (a) Umntu ufika kutyiwe kanti lonto ibiwe, atye ebudengeni kusuwe ke indlebe. (b) Angazimviko angavumi kubanjwa, enzakalise ababambi bawo, ngokwala nendlebe. (c) Yintamb' ende ubusela. Lungakula seluyiminxunu, nengqukuva usapo lwetu olusebenza ku Mabhulu. III. Ngamayil' odw' e Ngcobo, kuba kuba uduma lulinganiswa nokufa, kumntu obe isonke. Namhla uyakufaniswa nobe ikulu lenkomo, kanti uyaqala ngeso sonka. Apinde ngeqanda, woliinganiswa nobe iwaka leponti, &c., &c. Kanti lento amatyala nezohlwayo zobusela akulingani. Kanjalo njengokuba sendite omnye umntu utya engazi ukuba lento ibiwe kunganzima kanye ukuhlala laminyaka mihlanu, nokulahlekwa yindlebe ebengazimisele ebuseleni. IV. Futi ngamayilo abantu abo. Tina bantsundu singumzi, ke icebo elalenziwe lamapolisa antsundu bekufanele ukuba umzi ube usuke ngalo kwimizi ebuzwa icebo lokupelisa ubusela, kuhlonyelwe kulo ngabehlomelayo. Tina indoda inye yeza izwi lamaninzi. Lento yaka yatetwa e Gcuwa ukuba isela lishunqulwe ingalo nendlebe, livutululwe amenyo. Baninzi abantu abangafumana ubunzima bengabanga kulamacebo alempi yase Ngcobo. Ndingeva into embi mna ndedwa ukuba u Mr, Stanford angaba kulamacebo unalitatileyo. Imihlaba ayifani, tina kulo ungasezantsi apa, abantu bakala ngendlala, ngokuswela umhlaba wokulima, nowenkomo, kuze ngenxa yokukulamba umntu ngenxa yokuswela indawo eyaneleyo yokuli- ma. Kulambe inkomo yake kuswela utyani, ebeke umntu kwimpahla yababantu banemihlaba, yaye ipilile nempahla yabo kuba inepandle. Tina apa kuse bugqini. Ndivashiyake zinkosi. J. H.