Title
eng Umqukumbelo (IMVO_1885-12-16_i019)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Author of Article
eng Mntuyedwa
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-16
Identifier
eng IMVO_1885-12-16_i019
Word Count
eng 219
Print Page
eng IMVO_1885-12-16_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Ku MHLELI WE MVO, —Kaundivumele ndipose izwi kwelopepa lamanene. Ndivuye kakulu ukubona ingqosheliso yodushe obelupakati kwe Mvo ne iSigidimi. Indawo ke ebangela ukuba ndenze lemigca kungokuba oludushe belusekelwe pezu kwesona sikonkwane, qhina, nqanaba, nkinge nesisinga, apo lukulekeke kona uhlanga olumnyama. Sisipina ke eso singa? Ngu Mona. Ngokwenjenje andivumbululi ludushe endilubalela ukuba ngu mfi; kuba ndingatsho ukuti ngu Sigidimi mhlaimbi ngu Mvo onomona. Kodwa yona ingcambu apo ikona idandalazile. Indawo endifuna ukuyiti dleke pambi kwabafundi belipepa ngu Mona, eyona nduli ndicinga ukuba itintele uhlanga. Siyibonile intsikelelo, namatamsanqa, nentakazelelo epelekelelwe ngazo Imvo ekuveleni kwayo emlungwini. Sibonile iziqalekiso, amashwa nezinyeliso eyamnkelwa ngazo Emaxoseni. Emlungwini zamnkelwe kakuhle Imvo, kungengakuba kusitiwa ziyakuba sisimakade, kodwa ngokunqwenelelwa ukunga zingatamsanqeleka njengawo onke amalinga onyana babantu. Emlungwini akulindelwe ukuba onke amalinga apumelele. Enye into engekoyo ngamatola neza nuse ezigcakamele ukuhlaba nokunuka abaya kupumelela nabayakuxinga kwizibuko le Jordani. Oku bacingela ukuba kuseza- ndleni zamandla angapaya kwawabo. Abamnyama ngelinye icala bazimisele ukungcikivana naye wonke ubani owenza ilinga elibonakala ngokungati liha- mbela pambili—kungengakuba elolinga liposisekile—kodwa ngenx' enokuba ji- ngenziwanga ngabo sukuba belicasile. Sikonkwane ke uhlanga lumi—kuba esoyika umntu kuba eyakuti akungapumeleli kutiwe sasitshilo tina. Ukutsho ndinqumla inteto ka Jabavu, yomelela ukutale maninzi amadoda amnyama aziyo ukuba nokuba lawa elipepa lako akungaziqalekiso—loba lilandela indlela ngazo zonke izinto. Liyashunyayelwa Izwi lika Tixo into elungileyo ngapezu kwazo zonke izinto babuye bawe nabebelamnkele babuyele esihogweni. MNTUYEDWA.