Title
eng Transkei. (IMVO_1885-12-23_i026)
Found in Newspaper
Article Type
xho Officials
Language
Date
22 December 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-23
Identifier
eng IMVO_1885-12-23_i026
Word Count
eng 144
Print Page
eng IMVO_1885-12-23_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
[IVELA KUMBHALEL.I WETU.] Dec. 22, 1885. Amadoda alomlambo uli Kobodi alila inyembezi ngonikondo oziswe nga Mabhulu. Kutiwa nga Mabhulu ungene koka Ntsimango umhlaba, kanti bona bayawupika. Inkomo ezibiweyo zintatu, eziinbini zibanjiwe emaseleni kwa Centane. Le yesitatu kutiwa idliwe ngabalapa; bagwetywe £14. — Isililo sisukela ekubeni ete amadoda emtyilela umantyi ukuba makatumele kwa Centane abuze kulomasela inyaniso yezinkomo. Suka umantyi ati le yesitatu ndiyibiza kuni rolani £14. Sibenile so- nke isizwe sase Kobodi. Sova ukuba u Capt. Blyth wotinina yena. Siyamazi ukuba uyakuhlaba inyaniso. Siva udaba lokuba isikolo sase Gcuwa siyakuba nomdlalo ngosukulwe Krismes. Lutenjiswe ukuba kobako izinto ezenziwayo. Umanzabomvu ungene ngamandla uze kuma nge Nciba ngoku: kuba ixesha eli lonke ubesagqusha emi nge Gcuwa. Ungegqita kulilwa e Tongwane nase Kobodi, kuba uyaqala kubo. — Irnvula enkulu ene e Gcuwa ngo Mgqibelo we 19 Dec. yenze uncedo olukulu amasimi ebeselebuna. Imilambo ibizalisa nge Cawa, ne Nciba izele, sekunceda umcancato kubahambi.