Title
eng Isaziso Senkosi. (IMVO_1885-12-23_i037)
Found in Newspaper
Article Type
xho Royal Notice
Language
Locations Mentioned
eng Great Place, Pondoland West
Date
16 November 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-12-23
Identifier
eng IMVO_1885-12-23_i037
Word Count
eng 389
Print Page
eng MVO_1885-12-23_p004
Page Spread
eng 4.3
Start Page of Article
eng 4
Print Column
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Great Place, Pondoland West, 16th November, 1885. NKOSI ndiyacela kuwe indawo muhleli Wemvo Zabantsundu epepeni lako ukuba undifakele lamazwi ambaIwa into endifuna ukuba undifakele yona yile yokuba ndibone epepeni lendaba ukuba bekuwele UMHLANGASO J. S. FAKU, no OHAM unyana ka MQIKELA no UMDILIZA no KETSHE no W, BARNABAS no DONALD STRACHAN, ukuya kuteta nezikulu zepalimente yasekapa ngomublaba osecwebeni lo Mzimvubu endatengisa ngawo ku Rulumente nganeno kwo Mzimvubu aba.ti bona epepeni lendaba andinanfanelo yokutengisa ngawo kanti ke nditi mina ndiyinkosi UNQWILISO ndifuna ukuba undifakeleepepeni lako nakuwo onke amapepa abashicikli nabashicilelela u Rulumente ndifuna ukuba inteto yami yaziwe ngabo bonke abantu abamhlope nabamunyama ubazise bonke ungoyikisi Into ngeteto yami endizakuyiteta apa epepeni nditi kuwe into yokuqala yile wayete UFAKU ukuwela kuka DAMASI unyana wake ubawo wami mina NQWILISO wati u FAKU pakati kwa Mapondo onke epelele esiva wati ke DAMASI nyana wami wena wopata kwelo Cala lingapetyeya kwo Mzimvubu ube yinkosi enkulu kona mina FAKU ndopata nganeno kwo Mzivmvubu ukuba kuko umntu obalekileyo apa kumi enetyala andiyikuzisa musila wengwe kuwe ndotumela ngomntu ubuza kuwe nawe DAMASI uze wenje njalo ukuba kuko umntu obalekileyo kuwe enetyala ungatumeli ngomusila wengwe utumele ngomntu yiyo leyo mini wanikwa ubawo UNDAMASI ubukosi obukulu nguyise u FAKU nditi mina NQWILISO lomuhlaba unganeno kwo Mzimvubu ngowami andiwubangi namuntu lawo madoda abeye e Kapa abeyo kwenza inkohliso nami bandizimele abandazisanga leyo hlanganiso yabo ukubonakalisa ukuba bayeba bafuna ukweba umhlaba wami kuseloko ndatengisa ngawo lo muhlaba upezu kwo Mzimvubu ku Rulumente UMQIKELA akazange ayibuze lonto kumi ngokuba naye uyazi ukuba ndinokwenza apo nditandayo ngowami umhlaba naye unokwenza apo etandayo ngowake ndingamubuzi luto anditeti nto ngecala elingapetyeya kwo Mzimvubu ngowake lowo lo enditengise ngawo ku Rulumente ndawutengisa kwakanye andisoza ndifike nditi andiwutengisanga nditi namuhlanjendawutengisa ndimi inkosi yawo ukuba kuko into etetwa ngu MNQIKELA makayeke ukuteta no Rulumente makateta nami ayeke uKuzimela ukuya e Kapa engandazisanga ukuba kuyatetwa makutetwe emuhlotyeni kungabi semunyameni sesibona emapepeni endaba singa buzananga ukuba umhlaba ngowake yini nokuba angabekisi kumi andibuze ngawo UMQIKELA ula irafu yomuhlaba wake ngapesheya kwo Mzimvubu nami ndila eyami irafu eyowami umhlaba nganeno kwo Mzimvubu ula ezake izizi nami ndidla ezami izizi asihlangani sobabini ngazo Uyinkosi kwowake umhlaba nami ndiyinkosi kwowami umhlaba nanga ke amazwi endifuna ukuba undibekele wona emapepeni. Kuyo lenhlanganiso yalenteto nango amagama amakosi. akoyo ngalemini ndiyapela apo mina NQWILISO, son of DAMASI. CHIEF NQWILISO his X mark PHILIP CHARLES QUMBELO his X mark QEKETO his X mark SIROQO his X mark MAYOLI his X mark